settings icon
share icon
Umbuzo

Yeyiphi inkolo yam eyiyo?

Impendulo


Indawo ezithengisa ukutya okuvuthiweyo iirestyu ziyasiloba ukuba si ode ukutya ngendlela esithanda ngayo. Ezinye iindawo ezithengisa ikofu ziqhayisa ngaphezu kwezinye ezingamakhulu ngokuba zona zithengisa iintlobo-ntlobo zekofu. Naxa sithenga izindlu nemoto, sijonga le inezinto ezithile esizinqwenelayo. Asisahlali kwilizwe leechocolate, i-vanilla, nestrawberry. Sikhetha iNkosi! Ungafumana na ntoni na oyifunayo ngokwemfuno zakho ozithandayo njengomntu.

Ngoko ke uthini ngenkolo ekulungeleyo? Ngoko ke uthini ngenkolo engenasazela, enganyanzelisiyo, engagcwaliswanga ziingxaki ezisokolisayo ngezinto emazenziwe nemazingenziwa? Iphandle phaya, njengokuba besele ndiyichazile. Kodwa inkolo ingaba yinto efanele ukuba ikhethwe ngokuthandwa njenga xa ukhetha I ayisi khrim oyithandayo?

Maninzi amazwi akhuphisana ngokuba siwamamele, ngoko ke kutheni umntu angazikhetheli uYesu ngaphezu kwabo bonke, nditsho, o-Muhammad okanye o-Confucius, o-Buddha, okanye o- Charles Taze Russell, okanye u- Joseph Smith? Ngapha koko, ingaba zizonke ezindlela aziyi Zulwini? Ingaba zizonke iinkolo ezi azufani? Inyaniso yeyokuba zonke iinkolo azisi Zulwini, njengazo zonke iindlela aziyi ngase Indiana.

UYesu uthetha ngegunya likaThixo owakoyisayo ukufa. Muhammad, Confucius, kunye nabanye ababolela emangcwabeni abo kude kube namhlanje. Kodwa uYesu, ngamandla wakhe, wavuka apjho kwelongcwaba emva kweentsuku ezintathu efele emnqamlezweni wamaRoma okhohlakeleyo. Nabani na onamndla ngaphezu kokufa ufanelwe ukuba amanyelwe. Nabani na onamandla ngaphezu kokufa ufanelwe ukuba aviwe.

Ubungqina obuxhasa uvuko lukaYesu luyoyikisa. Okokuqala, kwakukho inginginya yabantu abangaphezu kwamakhulu amahlanu ababebukele ukuvuka kukaYesu. Amazwi angamakhulu amahlanu akanakungahoywa. Kukuba ingcwaba lingenanto. IIntshaba zika Yesu zazinokuziphelisa lula iintetho ezingovuko lukaYesu ngokwenza ukufa kwakhe, umzimba obolileyo, kodwa kwakungekho mzimba ufileyo ababenokwenza nito ngawo! Ingcwaba lalingenanto! Ingaba abafundi bakhe bawuba umzimba wakhe? Kunzima. Ukuthintela esosehlo sinjalo, ingcwaba likaYesu laligadwe ngamasoldathi ayexhobile. Uqonde ukuba abalandeli bakhe abakufutshane babalekiswa luloyiko ekubanjweni nasekubethelelweni kwakhe uYesu, okungafani nezixhwithantamo ezazisoyika abalobi ezazinakho ukujijisana namasoldathi aqeqeshiweyo. Okanye banikezele ngobomi babo babengamaxhoba — njengoko uninzi lwabo lwenza njalo — ukwenzela urhwaphilizo. Eyona nto ibalulekileyo kukuba uvuko lukaYesu alunakubaiswa!

Kwakhona, nabani na onamandla ngaphezu ufanele ukuba aviwe. UYesu uwabonakalisile amandla ache ekufeni; ngoko ke, kufuneka sikuve oko akutshoyo. UYesu uthi nguye kuphela yokusindiswa (Yohane 14:6). Akayiyo indlela; Akayiyo nayiphi na indlela. UYesu uyindlela.

KwaloYesu mnye uthi, "Yizani kum nonke nina nibulalekayo, nisindwayo ngumthwalo, ndoninika ukuphumla" (Mateyu 11:28). Eli lilizwe elinobungonyama ubomi bunzima. Uninzi lwethu lonzakele, lunamanxeba yaye loyika udabi. Uyavuma? Ngoko ke ufuna ntoni? Ukuvuswa okanye inkolo nje? UMsindisi ophilayo okanye omnye "wabaprofethi" abaninzi abafileyo? Ubudlelwane obunentsingiselo okanye amasiko alambathayo? UYesu akalokhetho—Ukhethiwe!

UYesu “yinkolo” eyiyo, ukuba ufuna ukuxolelwa (Izenzo 10:43). UYesu "yinkolo" eyiyo ukuba ufuna ukuba nobudlelwane obunyanisileyo noThixo (Yohane 10:10). UYesu "yinkolo" eyiyo ukuba ufuna ikhaya lobomi banaphakade eZulwini (Yohane 3:16). Beka ukholo lwakho kuYesu Krestu njengoMsindisi wakho; awunakuzisola! Thembela kuye ngoxolelo lwezono zakho; awusayi kudaniswa.

Ukuba ufuna ukuba "nobudlelwane obulungileyo" noThixo, nanku umzekelo womthandazo. Khumbula, ukuthandaza lomthandazo akusayi kukusindisa. Kukuthembela kuKrestu okunokukusindisa esonweni. Lomthandazo yindlela elula yokubonisa ukholo lwakho kuThixo nokumbulela ngokuzisa usindiso lwakho. "Thixo, Ndiyazi ukuba ndonile phambi kwakho yaye ndifanelwe kukohlwaywa. Kodwa uYesu Kristu wasithabatha isohlwayo sam ukuze ngokukholelwa kuye ndisindiswe. Ndibeka ithemba lam kusindiso lwakho. Ndiyabulela ngenceba yakho emangalisayo noxolelo — nesipho sobomi obungunaphakade! Amen!"

Sele usenzile isigqibo ngoKristu ngenxa yoku okufunde apha? Ukuba kunjalo, nceda ucofe kwiqhosha elingezantsi elithi “Ndiyamamkela uKristu namhlanje”.

English



Buyela kwiphepha lesiXhosa

Yeyiphi inkolo yam eyiyo?
Facebook icon Twitter icon Pinterest icon Email icon
© Copyright Got Questions Ministries