settings icon
share icon
Umbuzo

Yintoni inkolo yaye yintoni akholelwa kuyo amakholwa?

Impendulo


1 Kwabasekorinte 15:1-4 ithi, "Ngoku ke bazalwana ndiyanikhumbuza ngeendaba ezilungileyo, ezo ndazishumayelayo kuni, nazamkela nokuzamkela nokuma kwazo. Ngelolizwi nakusindiswa, ukuba nabambelela kulo xa ndandilishumayela kuni. Okanye nikholelwe kwilize. Oko ndikufumeneyo ndakunikela kuni njenganto ibalulekileyo: ngokuba uKristu wazifela izono zethu ngokwezibhalo, waye wangcwatywa, nokuba wavuka ngomhla wesithathu ngokutsho kwezibhalo."

Ngokufutshane, leyo yinkolo egqibelelyo yomKristu. Eyona nto iyodwa kuzo zonke iinkolo, Inkolo yona ijonge kakhulu kubudlelwane kunezinye iinkolo ezikhoyo. Endaweni yokubambelela kuluhlu lwezinto "emazenziwe nezo emazingenziwa" injongo yamaKrestu kukutyala ukuhamba kufutshane noThixo uBawo. Ubudlelwane benziwe lula ngenxa yemisebenzi kaYesu Kristu kunye nemfundiso ngobomi bomKristu kuMoya oyiNgcwele.

AmaKristu akholelwa ukuba ibhayibhile inempembelelo, lilizwi likaThixo elingenakuchukunyiswa, yaye imfundiso yeyobulungisa. (2 Timoti 3:16; 2 Petros 1:20-21). AmaKrestu akholelwa kuThixo omnye oziqu zithathu, uYise, uNyana (uYesu Krestu), kunye noMoya oyiNgcwele.

AmaKristu akholelwa ekubeni umntu wadalelwa ukuba abenobudlelwane noThixo, kodwa ke isono sabohlula bonke abantu kuThixo (AmaRoma 3:23, 5:12). UbuKrestu busifundisa ukuba uYesu Krestu wawuhamba lomhlaba, engu Thixo ngokupheleleyo, ekwanguye nomntu ngokupheleleyo (AbaseFiliph 2:6-11), owathi wafa emnqamlezweni. AmaKristu akholelwa ekubeni emva kokufa kwakhe emnqamlezweni, uKristu wangcwatywa, waza wavuka kwakhona, yaye ngoku uhleli ngasekunenen kuka Bawo, ethethelela abakholwayo ngonaphakade (AmaHebhere). Amakholwa amemeza ukuba ukufa kukaThixo emnqamlezweni kwenele ukufezekisa nokuhlawula ityala elenziwa nguye wonke umntu yaye oku kuko okubuyisela ubudlelwane phakathi komntu noThixo (AmaHebere 9:11-14, 10:10; AbaseRoma 5:8, 6:23).

Ukuze sisindiswe, umntu makabeke ukholo lwake lonke emsebenzini ogqitywe nguKrestu emnqamlezweni. Ukuba umntu ukholelwa ukuba uKrestu wafa endaweni yakhe, wahlawula ngenxa yezono zakhe, wafa waphinda wavuka, ngoko ke lomntu usindisiwe. Akukho nto umntu anokuyenza ukufumana usindiso. Akukho mntu "unokukholisa" uThixo ngendlela yakhe, kuba sisonke singaboni (Isaya 53:6, 64:6-7). Okwesibini, akukho nto iyenye inokwenziwa, kuba uKrestu sele ewenze wonke umsebenzi! Ngexesha ebesemnqamlezwen, watsho uYesu, "Kugqityiwe" (Yohane 19:30).

Njengoko kungekho nto umntu anokuyenza ukufumana usindiso, ukuba umntu ubeke ithemba lakhe kumsebenzi kaKrestu emnqamlezweni akuho nto anokuyenza ukwahlukana nosindiso, kusenokuba umsebenzi wenziwa wagqitywa nguKrestu! Akukho nto yosindiso exhomekeke kulowo ulufumanayo. Yohane 10:27-29 uyachaza "Iigusha zakhe uyazazi umalusi wazo, uzibiza ngamgama azo zimlandele. Ndibanika ubomi obungunaphakade, yaye abasayi kutshabalala; akukho namnye onokubasusa ezandleni zam. UBawo wam, obanikezele kum, mkhulu kunabo bonke; akukho namnye onokubasusa ezandleni zika Bawo wam."

Abanye bangacinga ukuba , "Oku kukhulu — xa ndithe ndasindiswa , Ndingenza nantoni endiyithandayo yaye andinakulahlekana nosindiso lwam!" Kodwa ke usindiso ayingakukhuleka wenze nantoni njengoko uthanda. Usindiso luza mahala ekubeni ungahambi nesono sakho esidala nasekubeni ubenenobudlelwane obububo noThixo. Apho sasizizcaka zesono, ngoku sizicaka zika Krestu (AbaseRoma). Njengoko abakholwayo behlala kulomhlaba besenza izono, kuyakubakho intsokolo ekunikeni isono. AmaKrestu angalufumana uloyiso; kwintshutshiso zesono ngokufunda basebenzise ilizwi likaThixo (ibhayibhile) kubomi babo, nangokuba ulawulwe nguMoya oyiNgcwele — kukuthi, ukuzinekezela ekusetyenzisweni nguMoya okuqhubela kubomi bemihlangemihla usebenzisa amandla oMoya uthobela iZwi likaThixo.

Ngelixesha iinkqubo zenkolo ezininzi zifuna ukuba umntu enze izinto ezithile okanye angenzi ezithile, UbuKrestu bukholelwa ekubeni uKrestu wafa emnqamlezweni ehlawulela izono zethu waze wavuka kwakhona. Ityala elisisono sakho lihlawulwe unganako ukuba nobudlelwane noThixo. Unganoloyiso ezonweni zakho yaye ungahamba ngobuhle nobudlelwane uthobela uThixo. Leyo yibhayibhile yobuKristu enyanisileyo.

English



Buyela kwiphepha lesiXhosa

Yintoni inkolo yaye yintoni akholelwa kuyo amakholwa?
Facebook icon Twitter icon Pinterest icon Email icon
© Copyright Got Questions Ministries