settings icon
share icon
Umbuzo

Yintoni intsingiselo yobomi?

Impendulo


Yintoni intsingiselo yobomi? Ndingayifumana njani injongo, inkoliseko ebomini? Ndiyakubanakho na ukufeza into enentsingiselo? Abantu abaninzi abayeki ukucinga lemibuzo ebalulekileyo. Bajonga emva kwiminyaka edlulileyo bamangaliswqe ukuba kutheni ubudlelwane babo bahlukene, kutheni beziva belambatha, nangona bekufanele ukuba bakuzuzile oko bebezimisele ukufezekisa. Omnye umdlali webhola edlalwa ngephini owafikelela phezulu kwi Holo yoDumo (Hall of Fame) wabuzwa ukuba yintoni anqwenela ukuba ange umntu umxelele ukuqala kwakhe ukudlala lomdlalo. Waphendula, "Ndinqwenela ukuba kukho umntu owandixelelayo ukuba xa ufikelela phezulu, akukho nto." Iinjongo ezininzi zibonakala zilambatha kakhule emva kokuchitha ixesha uzisukela.

Uluntu kwindawo esihlala kuzo, abantu basukela injongo kuyo becinga ukuba bayakufumana intsingiselo. Ezinye zezintsukelo ziquka amashishini aphumeleleyo, ubutyebi, ubudlelwane obuhle, ezothando, ezolonwabo kwakunye nokwenza izinto ezintle kwabanye abantu. Abantu benza imiqondiso ngokuthi ngexesha bezifumana izinto zeminqweno yabo yobutyebi, ubudlelwane kwakunye nolonwabo babengonwabanga ngaphakathi, baziva bengenanto kungathi akukho nto inokugcwalisa.

Umbhali wencwadi yebhayibhile Iintshumayeli uchaza indlela aziva ngayo xa wayesithi, "Ukungabinantsingiselo! Ukungabinantsingiselo!...ngokuqinisekileyo ukungabinantsingiselo! Yonke into ayinantsingiselo" (Iintshumayeli 1:2). UKumkani uSolomon, umbhali weNtshumayeli, waye enobutyebi obungummangaliso, enobulumko obedlula wonke umntu weloxesha lakhe okanye kwelixesha lethu, amakhulu abafazi, iindawo, iigadi ezazibumonela ubukumkani, okona kutya nezona ziselo ezinxilisayo, nayo nantoni na eyonwabisayo eyayikho. Wathi ngamhla uthile nantoni na enqwenelwa yintliziyo yakhe, uyayifumana. Yaye ubufezekisile "ubomi emhlabeni" — ubomi buyahlaliwa nangona kukho ubomi esinobubona ngamehlo sibuve ngemizwa yethu — abunantsingiselo! Ingaba kutheni kukho ukulambatha? Kuba uThixo usidalele ukuba sibenezinto ezingaphezulu kokuba sizifumana kwelixesha langoku - apha. Watsho uSolomoni ngoThixo,"Usibekele unaphakade ezintliziyweni zomntu..." (Intshumayeli 3:11). Ezintliziyweni zethu siyazi ukuba "ingoku - nalapha" asikuko kuphela esinako.

Kwi Genesis, incwadi yokuqala ebhayibhileni, sifumanisa ukuba uThixo wadala umntu ngokomfanekiso wakhe (Genesis 1:26). Le nto ithetha ukuthi sifana noThixo ngaphezu kwento yonke (nayiphi na into edaliweyo). Siphinde sive ukuba phambi kokuba umntu awele esonweni nesiqalekiso sehla seza emhlabeni, ezizinto zilandelayo ziyinyaniso: (1) UThixo wenza umntu isidalwa esonwabileyo (Genesis 2:18-25); (2) UThixo wanika umntu umsebenzi (Genesis 2:15); (3) UThixo wayenobuhlobo nomntu (Genesis 3:8); yaye (4) UThixo wanika umntu ulawulo ngaphezulu emhlabeni (Genesis 1:26). Zibaluleke ngantoni ezizinto? UThixo wakwenz aoku ukuze zengeze ukuzaliseka kobomi, kodwa zonke ezizinto (ingakumbi ubuhlobo noThixo) zonakaliswa kukuwa komntu esonweni okwabangela isiqalekiso phezu komhlaba (Genesis 3).

KwisiTyhilelo, incwadi yokugqibela ebhayibhileni, UThixo utyhila ukuba uyakulitshabalalisa ihlabathi elikhoyo nezulu njengoko sizazi aye kuzifaka kwindawo yanaphakade ngokudala izulu nomhlaba omtsha. Ngeloxesha, Uyakubuyisela ubuhlobo nomntu okhululweyo, ngelixa ongakhululwanga uyakugwetywa ajulwe eDikeni loMlilo (Isityhilelo20:11-15). Isiqalekiso sesono siyakususwa, akusayi kubakho sijwili nakukhala, kungasayi kubakho zintlungu, ngungasayi kufa, njalo njalo. (Isityhilelo 21:4), yaye abakholwayo bakufumana konke. UThixo uyakuhlala nabo, bona babengonyana bakhe (Isityhilelo 21:17). Ngoko ke sifikele ekugqibeleni kwesangqa apho uThixo esidalele ukuba sibenobuhlobo naye, umntu wona, wophula obubuhlobo, UThixo ububuyisele obubuhlobo ngokupheleleyo kwikhaya lanaphakade kubo abo babonwa benexabiso kuye. Ngoku apha ebomini ufumana yonke into nayiphi na kodwa xa usifa uyehlulwa noThixo ngonaphakade iyakuba kokona kufa kubi njengesifede! Kodwa uThixo uyenzile indlela ingelulo ulonwabo lwanaphakade kuphela (Luka 23:43), koko nobomi basemhlabeni bubenentsingiselo eyonelisayo ngokunjalo. Lufumaneka njani olulonwabo lanaphakade "izulu emhlabeni"?

INTSINGISELO YOBOMI IBUYISELWA NGOKUKA YESU KRISTU

Eyona ntsingiselo yobomi, ngoku nangonaphakade, ifumaneka ekubuyiselweni kobudlelwane noThixo obabulahleke ngexesha lika Adam no Efa xa babengena esonweni. Namhlanje, ubudlelwane noThixo bungenzeka ngenxa yoNyana wakhe, uYesu Kristu (Izenzo 4:12; Johane 14:6; Johane 1:12). Ubomi obungunaphakade bufumaneka xa umntu ethe waguquka ezonweni zakhe (engasafuni kuqhubeka nazo koko efuna uKristu amtshintshe amenze umntu omtsha) aqale ukuthembela ngo Yesu Kristu njengoMsindisi (jonga lombuzo "Liyintoniicebo lokusindiswa?" ngenkcukacha ezibanzi ngalomba ubalulekileyo).

Eyona ntsingiselo yobomi ayifumaneki ngokuthi ufumane kuphela njengomsindisi (intle injalo lomeko). Kukusuke, eyona ntsingiselo kuxa umntu lowo eqalisa ngokulandela uKristu njengomfundi wakhe, ofunda kuye, ochitha ixesha kunye naye elizwini lakhe, ibhayibhile, enxulumana naye ngomthandazo, ehamba kunye naye ethobela imithetho yakhe. Ukuba awukholwa (okanye mhlawumbi ikholwa elitsha) isenokuba uthi kuwe, "Lento ayivakali njengento eniki umdla okanye eyanelisayo kum!" Kodwa ke nceda khawuqhube ngokufunde ithutyana. UYesu wenza ezintetho zilandelayo:

"Yizani nina nonke nibulalekayo nisindwa yimithwalo, ndakuninika ukuphumla. Thathani idyokhwe yam nifunde kum, kuba ndilungile yaye ndithobekile ngentliziyo, nakufumana ukuphumla emiphefumlweni yenu. Kuba idyokhwe yam imnandi nomthwalo wam ulula" (Mateyu 11:28-30). "Ndizile ukuze babe nobomi, babenobomi ngokugqithisileyo" (Yohane 10:10b). "Ukuba kukho othanda ukundilandela makazincame awuthwale umnqamlezo wakhe andilandele. Ke othe wawulahla umphefumlo wam wolahlekelwa nguwo ke othe wawulahla umphefumlo wakhe ngenxa yam wowufumana" (Mateyu 16:24-25). "Ziyolise ngoYehova wokunika okunqwenelwa yintliziyo yakho" (Iindumiso 37:4).

Ezi vesi zizonke zithi sinako ukuzikhethela. Singaqhubeka sifuna ukukhokelwa kubomi bethu, okuye kuphelele kubomi obungena nto ilize, okanye singazikhethela ukulandela uThixo nentando yakhe kubomi bethu nangentliziyo zethu ziphela okuya kusinceda sihlale ubomi obupheleleyo, sifumane okunqwenelwa ziintliziyo zethu, sifumane ukukholwa nokwaneliseka. Kungenxa yokuba uMdali wethu esithanda enqwenela okuhle ngathi (ingabibubomi obulula, kodwa obona banelisayo).

Ukuba ungumthandi wemidlalo yaye ugqibe ekubeni uye emdlalweni yabahlawulwayo, ungachitha nje iidola ufumane "i-nose-bleed" isihlalo esikumgca ophezulu ebaleni okanye ungakhupha nje iidola ezimbalwa ukuze ubesemsini. Kunjalo kubomi bomKristu. Ukubukela uThixo esebenza ngezandla zakhe ayikokwamaKrestu angeCawa. Abakalihlawuli ityala. Ukubukela uThixo esenza umsebenzi wezandla kokwabafundi abantliziyo zinyulu bakaKristu oyeke ukulandela okunqwenelwa yintliziyo yakhe alandele okokufunwa yinjongo kaThixo. Balihlawule ityala (bazinikezele ngokugqibeleleyo kuKristu nakwintando yakhe); bafumana ubomi ngokupheleleyo; yaye bangazijonga kokuzisola, nabahlobo babo, kunye noMenzi! Ingaba sele ulihlawule ityala? Ingaba unawo na umdla woko? Ukuba kunjalo, emva koko sokuze ulambe kwentsingiselo okanye injongo kwakhona.

English



Buyela kwiphepha lesiXhosa

Yintoni intsingiselo yobomi?
Facebook icon Twitter icon Pinterest icon Email icon
© Copyright Got Questions Ministries