settings icon
share icon
Umbuzo

Uthini umthandazo woMoni?

Impendulo


Umthandazo woMoni ngumthandazo umntu awuthandaza kuThixo xa beziqonda ukuba bangaboni yaye bafuna ukusindiswa. Ukukwenza umthandazo woMoni akunakufezekisa nto ngokwawo. Umthandazo woMoni usebenza kuphela xa umele lowo waziyo, oqondayo yaye ekholelwa ukuba izono zakhe zifuna usindiso.

Imbonakalo yokuqala yomthandazo woMoni kukuqonda ukuba Sisonke singaboni. KwabaseRoma 3:10 bazisa oku, "Njengoko kubhaliwe, Akukho lungisa, hayi, nalinye." Ibhayibhile iyenza icace kakuhle ukuba Sisonke sike sona. Sisonke singaboni sifuna ubabalo noxolelo olusuka kuThixo (Tito 3:5-7). Ngenxa yezono zethu, sifanelwe sisohlwayo saphakade (Mateyu 25:46). Umthandazo woMoni utarhuzisela inceba endaweni yesigwebo. Sisicelo senceba endaweni yengqumbo.

Imbonakalo yesibini yomthandazo woMoni kukwazi ukuba uThixo wenza ntoni ukuphilisa imeko yokulahleka nokona. Ekuqaleni ubekho uLizwi, Ulizwi wabayinyama wahlala phakathi kwethu yaye engumntu kaYesu Kristu (Yohane 1:1, 14). UYesu wasifundisa inyaniso ngoThixo yaye sahlala kubomi obububo nobunyanisekileyo obungena sono (Yohane 8:46; 2 KwabaseKorinte 5:21). UYesu waza wasifela emnqamlezweni, ethatha isohlwayo esisifanelelyo (KwabaseRomana 5:8). UYesu wavuka ekufeni ukungqina uloyiso lwakhe esonweni, ekufeni, nasesihogweni (KwabaseKolose 2: 15; 1 Kwabase Korinte isahluko 15). Ngenxa yako konke oku, izono zethu zingaxolelwa sithenjiswe ngekhaya lanaphakade iZulu - xa sinokubeka ukholo lwethu kuYesu Kristu. Omasikwenze thina kukukholwa ukuba wasifela yaye wavuka kwelabafileyo (KwabaseRoma 10:9-10). Singasindiswa ngenceba kuphela, ngokholo kuphela, kuYesu Kristu kuphela. KwabaseEfese 2:8 bazisa oku, "Kuba usindiswe ngokubabalwa nangalo ukholo – nako oko kungaphumi kuni kusispho sikaThixo."

Ukutsho umthandazo woMoni yindlela yokwazisa uThixo ukuba uthembela ngoYesu Kristu njenoMsindisi wakho. Akukho mazwi "angumlingo" anokubangela ukuba usindiswe. Kukukholelwa ekufeni nasekuvueni kukaYesu okunokukusindisa. Ukuba uyaqonda ukuba ungumoni yaye ufuna ukusindiswa ngu Yesu Kristu, nanku umthandazo woMoni ongawuthandaza kuThixo: "Thixo ndiyazi ukuba ndingumoni. Ndiyazi ukuba ndifanelwe ziziphumo zesono zam. Noxa kunjalo, Ndithembela kuYesu Kristu njengoMsindisi wam. Ndiyakholwa ukuba ukufa nokuvuka kwakhe kundizisela uxolelo. Ndiyakholwa kuYesu, yaye yena kuphela njengeNkosi noMsindisi wam. Enkosi Bawo, ngokundisindisa nangokundixolela! Amen!"

Sele usenzile isigqibo ngoKristu ngenxa yoku okufunde apha? Ukuba kunjalo, nceda ucofe kwiqhosha elingezantsi elithi “Ndiyamamkela uKristu namhlanje”.

English



Buyela kwiphepha lesiXhosa

Uthini umthandazo woMoni?
Facebook icon Twitter icon Pinterest icon Email icon
© Copyright Got Questions Ministries