settings icon
share icon
Umbuzo

Ithini indlela yosindiso?

Impendulo


Ulambile? Andilambanga ngokwasenyameni,ngaba ulambele enye into yasebomini? Ingaba ikhona into phakathi kuwe engonelisekanga? Ukuba kunjalo, uYesu sisisombululo! UYesu whathi, “Ndisisonka sobomi. Ozileyo kum akasayi kuphinde alambe, kwaye okholelwa kum akasayi kuphinde anxanwe” (UYohane 6:35).

Undidekile? Zange ufumane indlela okanye injongo ngobomi? Ibonakala ngathi umntu ucime isibane kwaye awukwazi kufumana iswitshi? Ukuba kunjalo, UYesu sisisombululo! UYesu wamemeza, “Ndilukhaniselo lwehlabathi. Nabani ondilandelayo akasoze ahambe ebumnyameni, koko ubomi bakhe buza kukhanya” (UYohane 8:12).

Whakhe waziva ngathi uvaleleke ngaphandle kobomi bakho? Wakhe wazama yonke iminyango,waza wafumanisa ukuba emva kwayo akukho nto kwaye akukho ntsingiselo? Ingaba ufuna isango lokungena ebomini obonelisayo? Ukuba kunjalo, UYesu sisisombululo ! UYesu waxela, “Ndilisango; ukuba umntu uthe wangena ngam wosindiswa, uyakungena ephuma, afumane utyani” (UYohane 10:9).

Ingaba abanye abantu bayakuphoxa? Ingaba ubudlelwane bakho abunzulwanga yaye buyalambatha? Ingaba kubonakala ngathi wonke umntu ufuna ukudlala ngawe? Ukuba kunjalo, UYesu sisisombululo ! UYesu wathi, “Ndim umalusi olungileyo. Umalusi olungileyo ubomi bakhe ubuncamela izimvu. Ndim umalusi olungileyo; Ndiyazazi izimvu zam, nezimvu zam ziyandazi” ( UYohane 10:11, 14).

Ingaba ufuna ukwazi ukuba kwenzeka ntoni emva kobu bomi? Ingaba udiniwe ukuphila ubomi bakho kwizinto ezibolayo okanye ezirusayo? Ingaba ngamanye amaxesha ukhe uthandabuze ingaba ubomi bunayo intsingiselo? Ingaba uyafuna ukuphila emva kokuba ufile? Ukuba kunjalo, uYesu sisisombululo! UYesu uyaxela, “Ndiluvuko kwanobomi. Okholwa kum uyakudla ubomi, nakubeni efile; bonke abadla ubomi bekholwa kum abasayi kufa naphakade” (UYohane 11:25-26).

Yintoni indlela? Yintoni ukunyaniseka? Yintoni ubomi? UYesu waphendula, “Ndiyindlela ndiyinyaniso ndibubomi.Akukho namnye oya kubawo engezi ngam” (UYohane 14:6).

Indlala oyivayo yindlala yomoya, kwaye unokuhluthiswa kuphela nguYesu. UYesu kuphela komntu onokususa ubumnyama. UYesu ulisango eliya kubomi obukholisayo. UYesu usisihlobo kwaye ungumalusi okudala efunana nawe. UYesu ububomi—kobu bomi nakobuzayo. UYesu uyindlela yosindiso!

Unobangela wokuziva ulambile, imbangi yokuba ngathi ulahleke ebumnyameni, imbangi yokuba ungayifumani intsingiselo yobomi, yeyokuba uzahlulile kuThixo. IBhayibhile iyasixelela ukuba sonke sonile, into ethi sizohlulile kuThixo (INtsumayelo 7:20; KwabaseRoma 3:23). Ubuze obuvayo entliziyweni yakho kungokuba uThixo akekho ebomini bakho. Sadalwa ukuba sibenonxibelelwano noThixo. Ngenxa yezono zethu, silohlule unxibelelwano. Ede ixhalise yeyoba izono zethu zizakusenza sohlukane noThixo nako konke okungunaphakade ebomini nakobuzayo (KwabaseRoma 6:23; UYohane 3:36).

Ingasonjululwa njani lengxaki? UYesu sisisombululo! UYesu wazithathela kuye izono zethu (KwabaseKorinte besibini 5:21). UYesu wafa endaweni yethu (KwabaseRoma 5:8), wathabatha isohlwayo sethu. Emva kweentsuku ezintathu, uYesu wavuka ekufeni, waluqinisekisa uloyiso lwakhe ekufeni nasezonweni (KwabaseRoma 6:4-5). Kwakutheni ukuze enze lontot? UYesu wawuphendula loo mbuzo ngokwakhe: “Akukho namnye unalo uthando olungaphezu kolu, lokuba ubomi bakhe abuncamele izihlobo zakhe (Yohane 15:13). UYesu wafa ukwenzela siphile. Ukuba sibeka ukholo lwethu kuYesu, sithemba ukuba ukufa kwakhe kwabayintlawulo yezono zethu, zonke izono zethu zixolelwe kwaye zihlanjiwe. Ukulamba kwemiphefumo yethu kuzakwaneliswa. Izibane zakukhanyiswa. Sizakufikelela ebomini obanelisayo. Sizakumazi owona mhlobo wethu kunye nomalusi olungileyo. Sizakuyazi ukuba sizakuba nobomi emva kokufa—ubomi bovuko obungunaphakade noYesu emazulwini!

“Kuba wenjenje uThixo ukulithanda kwakhe ihlabathi ude wancama uNyana wakhe ekuphela kwamzeleyo, ukuze bonke abakholwa kuye bangatshabalali, koko babeomi obungunaphakade” (UYohane 3:16).

Sele usenzile isigqibo ngoKristu ngenxa yoku okufunde apha? Ukuba kunjalo, nceda ucofe kwiqhosha elingezantsi elithi “Ndiyamamkela uKristu namhlanje”.

English



Buyela kwiphepha lesiXhosa

Ithini indlela yosindiso?
Facebook icon Twitter icon Pinterest icon Email icon
© Copyright Got Questions Ministries