settings icon
share icon
Umbuzo

Ingaba uYesu yeyona Ndlela eya eZulwini?

Impendulo


"Ndingumntu olungileyo, ngoko ke ndakulingena izulu." "Kulungile, ndiyazenza nje izinto ezingalunganga, kodwa ndenza izinto ezilungileyo ixesha elininzi, ngoko ke ndakulingena izulu." "uThixo akanakundisa esihogweni kuba ndingaphili nge bhayibhile. Amaxesha ngamanye!" "Abantu abaya esihogweni ngabo benza iziznto ezimbi kakhulu abafana nabaphatha abantwana gadalala kunye nababulali."

Ezi zizinto ezixhapahakileyo ezenzekayo, kodwa inyaniso yeyokuba zizonke nje bubuxoki. uSathana, umlawuli welizwe lonke, utyala ezingcinga kwiingqondo zethu. Yena, nabanye abamlandela iindlela zakhe, balutshaba lukaThixo (1Petros 5:8). uSathana ngumkhohlisi yaye amaxesha amaninzi uziveza njengomntu olungileyo (2 Amakorinte 11:14), kodwa uyazilawula iingqondo zabo bangakholelwayo kuThixo. "Uthixo walamaxesha uzigqumile iingqondo zabangakholwayo, ukuze bangakuboni ukukhanya kwegospile yenceba kaKrestu, ongumfanekiso kaThixo" (2 Amakorinte 4:4).

Bubuxoki ukukholelwa ukuba uThixo akazikhathaleli izino ezincinci okanye isihogo silungiselelwe "abantu abenza okubi." Zonke izono sisohlula noThixo, nokuba "sincinci njengobuxoki." Wonke umntu uyona, yaye akuhko namnye okulungeleyo ukungena ezulwini eziyela AbaseRoma 3: 23). Ukuya ezulwini akuxhomekekanga ekubeni zilunge okanye zimbi kangakanani na iindlela zethu ukuba kunjalo ke sakulahlekelwa sonke. "Yaye ukuba ke ngungobabablo, yaye akusengamisebenzi; okanye ubabalo, alungebi saba lubabalo" (AbaseRoma 11:6). Ayingamisebenzi emihle ukuze silingene izulu (Tito 3:5).

"Ngena ngesango elimxinwa. Isango elibanzi neliphangaleleyo lisa entshabalalweni baninzi ke abangena kulo" (Mateyu 7:13). Nokuba abanye bahlala kubomi besono ngokwenkcubeko apho ukuthembela kuThixo kungabalulekanga, Ayinakuba sisizathu eso kuThixo. "Wena ke ubufile ngoenxa yeziphoso nezono zenu enanifudula nihamba kuzo ngokwesimo seluhlabathi, ngokomphathi wegunya lesibhakabhaka, womoya esasifudula phakathi kwabo ezinkanukweni zenyama yethu sisenza ukuthanda kwenyama singathobekanga" (Kwabase-Efese2:1-2).

Xa uThixo wayedala ihlabathi, Lalilungile lilihle. Waze wenza uAdam no Efa waze wabanika inkululeko yabo, ukuze bazikhethele ukuba bayakulandela yaye bamthobele na uThixo. Kodwa baluluhlwa nguSathana abamthobela uThixo bona. Oku kwabohlula (nabo bonke abavela emva kwabo, kuquka nathi) ekubeni sibenobudlelwane obukufutshane noThixo. Ufezekile yaye ungcwele isono uyasilwa. Njengaboni, asikwazanga ukukwena uxolelwano noThixo ngokwethu. Ngoko ke uThixo wenza indlela yokuba singabuyela sibambane naye ezulwini. "Wenza njalo uThixo ukulithanda kwakhe ihlabathi wancama unyana wakhe ekuphela kwamzeleyo, ukuze bonke abakholwayo kuye bangatshabalali koko babe nobomi ubungunaphakade" (Johane 3:16). "Kuba umvuzo wesono ikukufa, ke sona isibalo sikaThixo bubomi obungunaphakade kuKristu uYesu iNkosi yethu" (KwabaseRoma 6:23). UYesu wayezalelwe ukuba afele izono zethu ukuze thina singafi. Emva kwentsuku ezintathu efile, Wavuka engcwabeni (KwabaseRoma 4:25), yena wakoyisa ukufa. Wazivingca intanda phakatthi koThixo nomntu ukuze sibenobudlelwane naye ukuba siyakholwa.

"Ngoku ke obu bubomi obungunaphakde: ukuba mabakwazi wena ukuphela koThixo oyinyaniso, ongu Yesu Kristu, omthumileyo" (Johane 17:3). Abantu abaninzi bakholelwa kuThixo, kanti noSathana buqu. Kodwa ukufumana usindiso, kufuneka sijonge kuThixo, sakhe ubulelwane naye, sisuke kwizono zethu, simlandele. Masithembele kuYesu ngazo zonke izinto esinazo nesizenzayo. "Obubulungisa buvela kuThixo buza nokukholelwa kuYesu Krestu kwabo bakholelwa kuye. Akukho mahluko" (KwabaseRoma 3:22). Ibhayibhile isifundisa ukuba ayikho enye indlela yosindiso ngaphandle koKrestu. UYesu uthi ku Johane 14:6, "Ndiyindlela, inyaniso, kunye nobomi. Akuhko namnye ozayo kuBawo engezi ngam."

UYesu yeyona ndlela yosindiso kuba nguye kuphela onokuhlawulela amatyala ethu (KwabaseRomana 6:23). Ayikho enye inkolo esifundisa ngobunzulu okanye nangoxhalabiseko besono kwakunye neziphumo zako. Ayikho enye inkolo enika intlawulo yesono engenasiphelo uYesu Kristu angasinika yona. Akakho omnye "umenzi wenkolo" UThixo waba yinyama (Yohane 1:1, 14) – eyona ndlela ingenasiphelo yokuhlawula ityala. UYesu waba nguThixo ukuze abengumntu azokufa. "Kananjalo usindiso alukho kuwumbi, kuba akukho gama limbi phantsi kwezulu, linikiweyo phakathi kwabantu esimele, ukusindiswa ngalo" (Izenzo 4:12).

Sele usenzile isigqibo ngoKristu ngenxa yoku okufunde apha? Ukuba kunjalo, nceda ucofe kwiqhosha elingezantsi elithi “Ndiyamamkela uKristu namhlanje”.

English



Buyela kwiphepha lesiXhosa

Ingaba uYesu yeyona Ndlela eya eZulwini?
Facebook icon Twitter icon Pinterest icon Email icon
© Copyright Got Questions Ministries