settings icon
share icon
Umbuzo

Ulifumene uxolelo? Ndingalufumana njani uxolelo kuThixo?

Impendulo


Izenzo 13:38 ziyaxela, “Ke ngoko bazalwana bam, Ndifuna nazi ukuba ngenxa kaYesu uxolelo lwezono lwaziswa kuni.”

Yintoni uxolelo kwaye kutheni ndilufuna?

Igama elithi “uxolo” lithetha ukosula isileyiti , ukuxolela, ukucima ityala. Xa sone abanye abantu sifuna basixolele ukugcina ubuhlobo. Umntu akalunikwa uxolelo kuba efanelwe kukuxolelwa. Akukhomntu ofanelwe kukuxolelwa. Uxolelo sisenzo sothando, inceba, nofefe. Ukuxolela sisigqibo esithathwa xa ufuna ukungabinanqala komnye umntu,nokuba ukwenzentoni na.

IBhayibhile iyasixelela ukuba sonke sifuna ukuxolelwa nguThixo. Sonke sonile. INtshumayeli 7:20 iyasixelela, “ Ngokuba akukho mntu ulilungisa ehlabathini owenza okulungileyo angoni.” UYohane wokuqala 1:8 uthi, “Ukuba sithi asinasono siyazikhohlisa inyani ayikho kuthi.” Zonke izono zizenzo zokungcatsha uThixo (Indumiso 51:4). Kangangokuba sifuna uxolelo lukaThixo ngokungazenzisiyo. Ukuba izono zethu azixolelwa, siyakuhlala ngonaphakade sibulaleka yintlawulo yezono zethu (UMateyu 25:46; UYohane 3:36).

Uxolelo – Ndilifumana njani?

Ndiyabulela, UThixo unothando nenceba –uzimisele ekuzixoleleni izono zethu! UPetrose wesibini 3:9 uyasixelela, “…Unenzondelelo ngawe, akafuni kutshabalale mntu,ufuna wonke umntu abenokuzisola.” UThixo unomqweno wokusixolela, ke ngoko ulilungiselele uxolelo lwethu.

Umvuzo wesono sethu kukufa . Isiqingatha sokuqala KwabaseRoma 6:23 siyasixelela, “Umvuzo wesono kukufa…” Ukufa ngonaphakade kuko esikufumanayo ngenxa yezono zethu. UThixo kwicebo lakhe elilungileyo waba ngumntu – onguYesu Kristu (UYohane 1:1,14). UYesu wafa emqamlezweni , efela ityala lethu elisifaneleyo – elikukufa. AbaseKorinte besibini 2 5:21 bayasifundisa, “UThixo wamenza ongenasono ukuba abenesono sethu, ukwenzela ukuba sibengamalungisa kaThixo.” UYesu wafa emqamlezweni ,ngokusithathela ityala lethu! NgokukaThixo, Ukufa kukaYesu kwasizisela uxolelo lwezono zethu ehlabathini liphela. UYohane wokuqala 2:2 uyasixelela, “Ungumhlawuleli wezono zethu,hayi kuphela ezethu zodwa koko izono zehlabathi liphela.” UYesu wavuka ekufeni, ememeza udumo lwakhe ekufeni nasezonweni (AbaseKorinte bokuqala 15:1-28). Makadunyiswe uThixo, ekufeni nasekuvukeni kuka Yesu Kristu.kwisiqingatha sesibini sabaseRoma 6:23, “…kodwa isipho sikaThixo singunaphakade ngenxa kaYesu Kristu iNkosi Yethu.”

Ufuna ukuxolelwa izono zakho? Unesazela esikukhathazayo esingafuni kusuka? Uxolelo lwezono zakho luyafumaneka ukuba uyamamkela uYesu Kristu njengomsindisi wakho. KwabaseEfese 1:7 bathi, “Kuye sinentlawulelo yegazi lakhe, uxolelo lwezono,kunye nobutyebi bobabalo lwakhe.” UYesu wasihlawulela amatyala ethu ukuze sixolelwe. Okufanele kukwenza kukucela uThixo akuxolele ngenxa kaYesu, kuba ukholelwa ekubeni uYesu wafela ukuhlawula amatyala ethu – kwaye uzakukuxolela! UYohane 3:16-17 uqulathe umyalezo omangalisayo, “Wenjenje uThixo ukulithanda kwakhe ihlabathi ude wancama unyana wakhe ekuphela kwamzeleyo ukuze bonke abakholwayo kuye bangatshabalali koko babenobomi obungunaphakade. UThixo akamthumanga unyana wakhe ehlabathini ukuze aligwebe ihlabathi wamthuma ukuze ihlabathi lisindiswe ngaye.”

Uxolelo – Ingaba lulula ngolohlobo?

Ewe lulula! Awunakulufumana uxolelo kuThixo. Awunakuhlawulela uxolelo kuThixo. Kuphela ungalifumana, ngokholo, ngenxa yenceba nemfefe kaThixo. Ukuba ufuna ukwamkela uYesu Kristu njengomsindisi ukuze ufumane uxolelo kuThixo, nanku umthandazo onokuwuthandaza. Ukuthandaza lomthandazo nokuba ngowuphi umthandazo soze ukuhlangule. Kuphela kukuthembela kuYesu Kristu okunokukunika uxolelo lwezono. Lomthandazo yindlela elula yokubonisa uThixo ukuba uthembele kuye kwaye uyambulela ngokukunika uxolo. "Thixo ndiyayazi ukuba ndonile kuwe kwaye ndifanele kukohlwaywa. Kodwa UYesu Kristu wandithathela isohlwayo sam ngenxa yokholo lwam kuye. Ndibeka ithemba lam losindiso kuye. Ndiyabulela ngenceba yakho emangalisayo kunye noxolelo! Amen!"

Sele usenzile isigqibo ngoKristu ngenxa yoku okufunde apha? Ukuba kunjalo, nceda ucofe kwiqhosha elingezantsi elithi “Ndiyamamkela uKristu namhlanje”.

English



Buyela kwiphepha lesiXhosa

Ulifumene uxolelo? Ndingalufumana njani uxolelo kuThixo?
Facebook icon Twitter icon Pinterest icon Email icon
© Copyright Got Questions Ministries