settings icon
share icon
Umbuzo

Ingaba bukhona ubomi emva kokufa?

Impendulo


Ingaba bukhona ubomi emva kokufa? Ibhayibhile iyasixelela, "Into ezelwe ngumfazi imihla yayo mifitshani yaye izele zinkathazo. Uphuma njengentyantyambo, abune; Ubaleka njengethunzi, angemi, Ukuba uthe umfo wafa, wophila na" (yhobhi 141-2)?

Njengomsebenzi, phantse sonke siyasokoliswa ngulombuzo. Kanye Kanye kwenzeka ntoni kuthi emva kokufa? Ingaba sivele sibekho? Ingaba ubomi lucango olujikelezayo elokuhamba kunye nokubuyela emhlabeni ukuze sifumane ubuncwane? Ingaba wonke umntu uya endaweni enye, okanye siya kwiindawo ezohlukeneyo? Ingaba enyanisweni likhona izulu nesihogo, okanye mhlawumbi yinto esengqondweni?

Ibhayibhile isixelela ukuba akukho bomi kuphela emva kokufa, koko ubomi obungunaphakade obunobuqaqawuli "Obungazanga babonwa ngamehlo enyama, obungazanga beviwa ngendlebe zenyama, kanti nengqondo engazanga yakucinga oko uThixo akulungiselela abo bamthandayo yena" (1 Izikorinte 2:9). UYesu Kristu, uThixo esenyameni, weza emhlabeni ezokusinika esi sipho sobomi obungunaphakade. "Kodwa wahlatywa ngenxa yezono zethu, waye wanyhashwa ngenxa yezono zethu isohlwayo sakhe sasiphathela uxolo, ngamanxeba wakhe saphiliswa" (Isaya 53:5).

UYesu wathabatha isohlwayo ukuze thina esasisifanele wanikezela ngobomi bakhe. Emva kwentsuku ezintathu, waziveza ukuba ukoyisile ukufa ngokuvuka engcwabeni, eMoyeni nase nyameni. Uhleli emhlabeni intsuku ezingashumi amane waye engqinwa zizihlwele phambi kokuba enyukele kwikhaya lakhe elingunaphakade ezulwini. AbaseRoma 4:25 bathi "Wayeziswe ekufeni efela izono zethu waze wenyuswelwa ezulwini ukuze simazi."

Uvuko luka Yesu yaba sisiganeko esabhalwa kakuhle phantsi. Umpostile uPaulos uyababuza abantu ukuba bakubona ngenene oku kusenzeka ukjuze siqiniseke, yaye zange kubekho namnye owabuphikisayo ubunyaniso bayo. Uvuko yeyona nto ibalulekileyo kwinkolo yobuKristu, kuba uYesu wavuka kwabafileyo, nathi singakholelwa ukuba singavuswa.

UPaulos wawakhalimela amaKristu awaye engakholelwa koku: "Kodwa ukuba ishunyayelwe ukuba uKristu wavuswa kwabafileyo, kwenzeka njani ukuba abanye benu besithi akukho ukuvuswa kwabafileyo? Ukuba akukho kuvuswa kwabafileyo, ngoko ke noKristu zange avuke" (1 Amakorinte 15:12-13).

UKristu yayinguye owokuqala kwabo babezakuvuswa bafumane ubomi kwakhona. Ukufa ngokwasenyameni kweza ngomntu omnye, uAdam, yena sivela kuye sisonke. Kodwa bonke abakhuliselwe kumakhaya ayaziyo inkolo ngo Yesu Kristu bayakunikwa ubomi obutsha (1 Amakronike 15:20-22) Njengo Thixo ekhulisa umzimba kaYesu, ukuze neyethu imizimba yethu ivuswe akubuya uYesu (1 Amakorinte 6:14).

Nangona siyakuthi ekugqibeleni sivuswe, Akunakuya wonke umntu ezulwini ngaxeshanye. Umntu ngamnye makazikhethele ukuba uyakuphi ekugqibeleni apho ayakufumana ubomi obungunaphakade. Ibhayibhile ithi umntu ngamnye uyakufa kube kanye, emva koko kufike umhla womgwebo (Amaahebere 9:27). Abo bebesenza ubulungisa bayakuya kubomi obungunaphakade emazulwini, kodwa abangakholwayo bayakusiwa kwisohlwayo sanaphakade okanye esihogweni (Mateyu 25:46). Nangona sonke siyakuvuswa ekugqibeleni, akuyi kuya wonke umntu esihogweni. Umntu makakhethe kwalapha emhlabeni ukuba uya kuyaphi na ngonaphakade. Ithi ibhayibhile ikhethelwe thina ukuze isifele kanye, emva koko kuyakufika imini yomgwebo (Amahebhere 9:27). Abo benziwe balunga bayakuya kubomi obungunaphakade ezulwini, kodwa abangakholwayo bayakuthunyelwa kwisohlwayo sanaphakade okanye esihogweni (Mateyu 25:46).

Isihogo, nezulu, asiyondawo nje ekhoyo, koko iyabonakala yaye yindawo eyiyani. Yinyani. Yindawo apho abo benza ububi bayakufumana okubi, ukungcungcutheka okungapheliyo, ingqumbo evela kuThixo. Bayakufumana ukuthuthumba emphefumlweni, engqondweni nasemzimbeni, engqondweni bathuthunjiswe lihlazo, nokuzisola nenzondo.

Isihogo sichazwa njengomhadi onzulu (Luka 8:31, Isityhilelo 9:1), kunye nedike lomlilo, elivutha isalfure, apho abantu bayakungcungcuthekiswa imini nobusuku ubomi babo bonke (Isityhilelo 20:10) Esihogweni nokukhathazeka (Mateyu 13:42). Kulapho umnyiki ungasokuze ufe yaye umlilo ungasokuze uphele U (Marko 9:48). UThixo akakuvuyeli ukufa komoni koko unqwenela ukuba baguquke kwezondlela zabo zimbi ukuze bahlale emhlabeni (Hezekile 33:11). Kodwa akanakusinyanzela ukuba sizinikezele; ukuba sikhetha ukungammameli, unako ukukhetha apho abantu beyakuthuthunjiswa ubusuku nemini kude kuse emaphakadeni (Isityhilelo 20:10). Esihogweni, khona apho kuyakubakho ukulila nokutshixizisa kwamazinyo,okuchaza intlungu kunye nokukhathazeka (Mateyu 13:42). Uphoswe apho impethu ingafiyo nomlilo ungacimiyo (Marko 9:48). Itsho inkosi yenu uYehova unakanye ukuba ukuba kubemnandi ukufa kongendawo, kumnandi kum ukubuya kongendawo endleleni yakhe aphile (Uhezekile 33:11). Kodwa akankusinyanzela ukuba sizithobe kuye, ukub asikhetha ukungamhoyi, akananto yimbi koko uyakusinika oko sikufunayo — ukuhlala kude kuye.

Ubomi emhlabeni luvavanyo, likulungiselela okuzayo. Kwabakholwayo, obu bubomi obungunaphakade ebukhweni buka Thixo. Ingaba senziwe njani sanobulungisa nokwazi ukufumana obubomi bungunaphakade? Inye kuphela indlela yoko, — ngokukholwa nangokuthembela kunyana ka Thixo, uYesu Krestu, "Ndiluvuko nenyaniso. Othembela kum uyakuphila, nangona eyakufa; kodwa yena ophila ethembela kum akasayi kufa….." (Yohane 11:25-26).

Isipho sobomi obungunaphakade bumahala kumntu wonke koko kufuna ukuba sizalele ngokwethu obubuncwane bokuzinikezela kuThixo. "Kodwa ke lowo othembela kuNyana uyakufumana ubomi obungunaphakade, kodwa othe wamphika uNyana akasyi kubufumana ubomi, ngokuba ingqumbo ka Thixo ihleli kuye" (Yohane 3:36). Asinakunikwa thuba lokuba siguquke kwizono zethu emva kokufa kuba xa sionokumbona ubuso ngobuso uThixo sakunyanzeleka ukuba sikholwe kuye. Ufuna size kuye ngokholo nothando. Ukuba siyakuvuma ukufa kuka Yesu Kristu njengentlawulo yezono zethu nokulwa noThixo siyaqinisekiswa ngobomi obugqibeleleyo emhlabeni nobomi obungunaphakade ebukhweni buka Kristu.

Ukuba ufuna ukwamkela uYesu Krestu njengomsindisiwakho, nanku umzekelo umthandazo onokunceda. Ukuthandaza lomthandazo okanye nawuphi na umthandazo akuyikukusindisa. Kukuthembela kuKrestu kuphela okunokukusindisa esonweni. Lomthandazo yiyona ndlela ilula yokuzeneka kuThixo ngokholo lwakho kuye, umbonge nangokunika usindiso. "Thixo, ndiyazi ukuba ndingumoni phambi kwakho yaye ndifanele ukuba ndohlwaywe. Kodwa uYesu Krestu wasithatha isohlwayo esasifanele mna othembela kuye ndifumane ukuxolelwa. Ndibeka ithemba lam kuye kwisintsindiso. Ndiyabulela ngenceba yakho nangoxolelo-isipho sobomi banaphakade! Amen!"

Sele usenzile isigqibo ngoKristu ngenxa yoku okufunde apha? Ukuba kunjalo, nceda ucofe kwiqhosha elingezantsi elithi “Ndiyamamkela uKristu namhlanje”.

English



Buyela kwiphepha lesiXhosa

Ingaba bukhona ubomi emva kokufa?
Facebook icon Twitter icon Pinterest icon Email icon
© Copyright Got Questions Ministries