settings icon
share icon
Umbuzo

Ingaba unabo na ubomi obungunaphakade?

Impendulo


Ibhayibhile ibonisa ngokucacileyo indlela eya ebomini obungunaphakade. Okokuqala, kufuneka sazi ukuba sonile kuThixo: "Kuba bonile bonke baye basilela eluzukweni lukaThixo" (KwabaseRoma 3:23). Sonke sizenzile izinto ezingamkholisiyo uThixo, ezisenza sifanelwe kukohlwaywa. Kuba izono zethu zichasene nephakade likaThixo,sifanelwe kuphela sisohlwayo sanaphakade. "Umvuzo wesono kukufa,kodwa inceba kaThixo bubomi ubungunaphakade ngenxa kaYesu Kristu iNkosi yethu" (KwabaseRoma 6:23).

Ke uYesu Kristu ongenasono (Eyokuqala kaPetros 2:22), ongunyana kanaphakade kaThixo ube engumntu (UYohane 1:1,14) waza wafa ukuhlawula isigwebo sethu. "UThixo ubonisa uthando lwakhe kuthi: nangona sisengaboni, UKristu wasifela" (KwabaseRoma 5:8). UYesu Kristu wafa emqamlezweni (UYohane 19:31-42), wasithathela isigwebo esisifaneleyo (Eyesibini KwabaseKorinte 5:21). Emva kweentsuku ezintathu wavuka ekufeni (Eyokuqala KwabaseKorinte 15:1-4), uqinisekisa udumo lwakhe ekufeni nasesonweni. "Ngenxa yobuninzi benceba yakhe wasizala ngokutsha ukuba sibenethemba eliphilayo ngokuvuka kuka Yesu Kristu kwabafileyo" (Eyokuqala kaPetrose 1:3).

Ngokholo kufuneka sitshintshe indlela esicinga ngayo ngokubhekiselele kuKristu - Unguye, Oko akwenzileyo, ekwenzelani –ekwenzela usindiso (Izenzo 3:19). Ukuba sibeka ithemba lethu kuye , sithembe ukuba ukufa kwakhe emqamlezweni bekuhlawula izono zethu, sakuxolelwa ukuze sifumane ithemba lobomi obungunaphakade eZulwini. "Kuba wenjenje uThixo ukulithanda kwakhe ihlabathi ude wancama uNyana wakhe ekuphela kwamzeleyo, ukuze bonke abakholwa kuye bangatshabalali, koko bafumane ubomi obungunaphakade" (UYohane 3:16). "Ukuba uvuma ngomlomo wakho, ukuba 'UYesu yiNkosi,' kwaye ukholwe ngentliziyo yakho ukuba uThixo wamvusa kwabafileyo, wosindiswa" (KwabaseRoma 10:9). Ukholo nje lulondwa lomsebenzi owenziwa nguKristu emqamlezweni luyeyona ndlela isinga ebomini obungunaphakade! " Kuba nisindiswe ngokubabalwa nangolo ukholo; nako oko kungaphumi kuni, kusisipho sikaThixo;akuphumi misebenzini, hleze kubekho bani uqhayisayo" (Kwabase-Efese 2:8-9).

Ukuba ufuna ukwamkela uYesu Kristu njengomsindisi wakho, nanku umthandazo ongumzekelo. Khumbula, ukuthandaza ngalomthandazo okanye nawuphi umthandazo soze ukusindise. Kukuthembela kuThixo kodwa okunokusindisa esonweni. Lomthandazo yindlela elula yokuzichaza kuThixo ukuba uyakholwa kuye kwaye uyambulela ngokukusindisa. "Thixo, Ndiyazi ukuba ndikonile kwaye ndifanele kukohlwaywa. Kodwa uYesu Kristu undithathele isohlwayo esindifaneleyo ukwenzela ukuba ngenxa yokholo lwam kuye ndixolelwe. Ndibeka ukholo lwam kuwe lokuhlangulwa. Enkosi ngenceba nangoxolelo lwakho – nangesipho sobomi obungunaphakade! Amen!"

Sele usenzile isigqibo ngoKristu ngenxa yoku okufunde apha? Ukuba kunjalo, nceda ucofe kwiqhosha elingezantsi elithi “Ndiyamamkela uKristu namhlanje”.

English



Buyela kwiphepha lesiXhosa

Ingaba unabo na ubomi obungunaphakade?
Facebook icon Twitter icon Pinterest icon Email icon
© Copyright Got Questions Ministries