settings icon
share icon
Umbuzo

Ingaba ibhayibhile lilizwi likaThixo?

Impendulo


Impendulo yethu kulombuzo ayizuchaza kuphela indlela esiyibona ngayo ibhayibhile nokubaluleka kwayo ebomini bethu, kodwa iyakubonisa nentsingiselo yayo kubomi bethu banaphakade. Ukuba ibhayibhile ngenene liliZwi likaThixo, ngoko ke kufuneka siyonwabele, siyifunde, siyithobele, yaye ekugqibeleni sithembele kuyo. Ukuba ke ibhayibhile lilizwi lika Thixo ngoko ke ukuyigxotha iyakuba kugxothwa uThixo ngokwakhe.

Njengoko uThixo esinike ibhayibhile kungqina kwaye kucaciswa uthando lwakhe kuthi. Eligama lithi "isityhilelo" lithetha ukuthi uThixo wathetha nabantu ukuba unjani nangendlela esinokuba nobudlelwane naye. Ezi zizinto engesingazazanga ukuba wayengabubonakalisa ubulumko uThixo asityhilelele bona ebhayibhileni. Nangona isityhilelo sika Thixo ngaye ebhayibhileni sanikwa ngamaxesha athile ngaphezu kwenyaka eqikelelwa kwengama 1500, ibisoloko igcine yonke into umntu afuna ukuyazi ngo Thixo ukuze abenobudlelwane naye. Ukuba ibhayibhile ngenene lilizwi lika Thixo, ngoko ke iyakuba ngumthetho wokugqibela kuzo zonke indaba zokholo, nezenziwa kwinkolo kwakunye nendlela yokuziphatha.

Umbuzo emasizibuze wona kuku singakwazi njani na ukuba ibhayibhile lilizwi likaThixo yaye asiyiyo ncwadi nje? Yintoni ebaluleke ngayo ibhayibhile eyenza ukuba yohluke kwezinye iincwadi zenkolo ezake zabhalwa? Ingaba bukhona ubungqina obuthi ngenene ibhayibhile lilizwi likaThixo? Olu ke luhlobo lwemibuzo esinokuthi siyijonge xa ngenene sifuna ukuqwalasela umba othi ibhayibhile lilizwi likaThixo, luvunywe ngemisebenzi yaye luzanele zonke iimeko nemisebenzi yokholo.

Akunakubakho kuthandandabuza malunga nokuba ibhayibhile ibanga ukuba ililizwi likaThixo. Oku kubonwe kakuhle kwiincwadi zika Paulosi kuTimoti: "…kwasebuncinaneni bakho ubuzazi izibhalo ezingcwele, ezinokthi zikwenze ubenobuchule kusindiso ngokholo ku Yesu Kristu. Zonke izibhalo ziphefumlelwe ngu-Thixo yaye zibalulekile ekufundiseni, ekukhalimeni, ekulungiseni nasekuqeqesheni okulungileyo, ukuze indoda kaThixo ibe iqeqeshiwe yalungiselelwa wonke umsebenzi omhle" (2 Timoti 3:15-17).

Kukho iziqinisekiso zangaphandle nangaphakathi ezithi ngenene ibhayibhile lilizwi likaThixo. Ezangaphakathi zezo zinto ebhayibhileni ezingqina ubunyani nemvela phi yayo. Obunye bobungqina bangaphakathi obuthi ngenene ibhayibhile lilizwi lika Thixo yaye buboniwe umanyano lwayo. Nangona zingamashumi amathandathu anesithandathu iincwadi, ezibhalwe kumazwe amathathu ngelwimi ezintathu, ngaphezu keminyaka efikelela ku 1500, ngababhali abangaphezu ko 40 abasuka kwiindawo ngeendawo ezohlukeneyo, ibhayibhile isahleli inye ingajikwanga isabambene ukusuka ekuqaleni uye ekugqibeleni ayiziphikisi isathetha into enye. Olubumbano lufana lodwa xa ujonga kwezinye iincwadi yaye iyangqina ukuba obubunye bamazwi njengoko uThixo esusa abantu kodwa babhala ngqo lamazwi kaThixo buqu.

Obunye ubungqina bangaphakathi buthi ibhayibhile iyabonakala ukuba ngenene lilizwi likaThixo ibonakala kwiziprofeto ezikumaphepha wayo ibhayibhile. Ibhayibhile inenkcukacha zabaprofeti abangamakhulu abathetha ngexesha elizayo kumazwe ngamazwe kuquka elakwaSirayeli, ubomi obuzayo nakwamanye amazwe nedolophu, ukuya kubomi obuzayo bomntu kwakunye nokuza kwalowo kuthiwa ngu Mesiya, uMsindisi ongenguye owakwa Sirayeli kuphela, kuye wonke okholelwa kuye. Kungafani nabanye abaprofeti abafumaneka kwezincwadi zenkolo okanye ezi zenziwe ngo Nostradamus, abaprofeti bebhayibhile bachaza ngokucacileyo yaye zange bangaphumeleli ekuthetheni inyaniso. Ngabaprofeti abangaphezu kwamakhulu amathathu abathetha ngoThixo kwiTestamente eNdala kuphela. Yayingazanga yaqala yachazwa eyokuba uzakuzalwa kuliphi usapho luzakuvela phi, nokuba uyakufa njani nokuba uyakuvuka kwakhona ngosuku lwesithathu. Ayikho enye incwadi yenkolo eyakufana nohlobo abathe bazicingela ngayo iziprofeto zomoya ibhayibhile enazo.

Obesithathu ubungqina ngalencwadi yebhayibhile kukubonwa kokufana yodwa kumthetho namandla. Nangona obu ubungqina bunemibuzo ethile kunale yokuqala mibini, le inemiqondiso ecacileyo ngobubunye bebhayibhile. Ibhayibhile inegunya elilodwa elingafani nayo nayiphi incwadi eyake yabhalwa. Eligunya nalamandla zibonakala kwindlela ezithile zobomi ezithe zaguqulwa ngalamandla kaThixo angummangaliso elizwi lakhe. Abasebenzisa iziyobisi baphilisiwe ngalo, ababandezeleke ngokwesini bakhululwe, abalahliweyo nabo bangezonto bayaguqulwa ngalo, izaphulimthetho ezinzima ziyaguqulwa zitshintshe ngalo, aboni bayakhalinyelwa ngalo, abanekratshi batshintshwa babenothando ngokulifunda. Ibhayibhile iphethe izinto ezibalulekileyo ezincedayo nezinamandla okuguqula oko ke kuyenzeka kuba ngenene ililizwi likaThixo.

Bukhona ke nobungqina bangaphandle obuchaza ukuba ngenene ibhayibhile lilizwi lika Thixo. Obunye bobubungqina yimbali yebhayibhile. Kuba ibhayibhile ochaza imbali yeziganeko, ubunyaniso nokucaciswa kwayo kusafuna ukujongwa kuqinisekwe ngako njengayo nayiphi na imbali ebhaliweyo. Kuzo zombini iimbali zakudala kunye neencwadi ezibhaliweyo, imbali ezibalwayo ngebhayibhile zikungqinile kaninzi ukuba ngenene zinkcukacha ezichanekileyo yaye ziyi nyaniso. Njengokuba zonke ezimbali zakudala namaxwebhu abhaliweyo engqina yaye exhasa ibhayibhile ziyenza ibe lelona xwebhu lwencwadi yamhla mnene ehlabathini. Njengoko ibhayibhile ichaza okucacileyoi nokuyinyaniso kwiziganeko zembali oku kuyicacisa mhlophe ubunyaniso bayo xa ithetha ngemicimbi yezenkolo yaye inceda ngokuqinisa ibango lokuba ngenene Lilizwi likaThixo.

Obunye unugqina bangaphandle obuthi ngenene ibhayibhile Lilizwi likaThixo yimfezeko nokunyaniseka kwa babhali. Njengoko besele kuchaziwe ekuqaleni, uThixo wasebenzisa abantu abaphuma nkalo zonke ukusibhalela ilizwi lakhe. Xa ufunda ubomi bababantu, akukho sizathu sivakalayo esinokubangela ukuba sikholwe ukua babenganyanisanga ababantu. Ukuphanda ngobomi babo kwa ukuba babenokuyifela okanye bakulungela nokuthuthunjiswa befela oko bakholelwa kuko, kucacisa kakukhle ukuba lamadoda ayenyanisekile kwaye ethemba ukuba uThixo uthethile nawo. Indoda eyabhala iTestamente eNtsha kunye nabanye abaninzi ababekholelwa (1 Amakorinte 15:6) babeyazi inyaniso koko bakubhalileyo kuba babembonile baza bachitha ixesha naye uYesu Kreastu emva kokuba evoke kwabafileyo. Utshintsho olu lokubona uKrestu evuka waza wabanegalelo elikhulu kubo. Babesoloko bezifihla luloyiko, basuka banqwenela ukufela umyalezo uThixo awawuvezayo kubo. Ubomi nokufa kwabo bakugqina ukuba ngenene Lilizwi likaThixo.

Ubungqina bokugqibela bokuba ngenene ibhayibhile Lilizwi lika Thixo kukuba ingenakutshatyalaliswa. Ngenxa yokubaluleka kwayo kwakunye nebango layo lokuba lelona lizwi lika Thixo, iBhayibhile ifumene iintshuthsiso ezininzi kuzanywa ukuyitshabalalisa yona ngaphezu kwazo iincwadi ezimbalini. Ukusukela kumaxesha akudala e Roman Emperors ezinje ngo Diocletian, namakomanisi eyalawula ngoko kude kube ngalamaxesha empucuko yabantu ababengakholwa kuThixo kunye nabo babengakholwa kuye kuba engabonakali, iBhayibhile yema noxa kwakunjalo yasinda kubahlaseli bayo yaye nanamhlanje isemile iyeyona ipapashwe kakhulu kwilizwe lonke jikelele.

Kulo lonke eloxesha, abayithandabuzayo babeyibiza ngokuba iBhayiyibhile yinto engenabunyani, kodwa abenzululwazi bafumanisa ukuba inembali ebalulekileyo. Abanxamnye nayo bahlasela iimfundiso zayo besithi aziyonto yaye zinkcukacha zakudala, kodwa iimfundiso zayo ngomthetho nangobuni indlela yokuziphatha kunye namacebo ezomthetho kwakunye neemfundiso zabanegalelo nemfundiso enkulu nebalulekileyo ekuhlaleni nakwiinkcubeko kwihlabathi liphela. Iyaqhuba ngokulwiswa kwezobugcisa, ufundo ngengqondo sayikholoji, nentshukumo zezopolitiko, kodwa ihleli inyanise injalo yaye ihambelana nemeko yangoku njengoko yayinjalo ukuqala ukubhalwa kwayo.Yincwadi eyatshintsha ubomi babantu nenkcubeko zabo kwiminyaka edlulileyo eyi 200. Kuba ababengayifuni babeyilwisa, beyibulala, okanye beyithoba, noxa kunjalo ibhayibhile ihleli inamandla, inyanisile ithetho into eyiyo njengakuqala. Ukuchaneka kwayo okwajongwayo noxa zazininzi inzame zokuyibulala, ukuyilwisa okanye ukuyitshabalalisa, ngumqondiso ocacileyo ukuba ibhayibhile ngenene lilizwi likaThixo yaye ngokwendalo ikhuselwe nguThixo. Ayifanelanga kusothusa eyokuba nokuba ibhayibhile igxekwa kangakanani isoloko ifana ingatshintshanga yaye ingonakalanga. Ngapha koko, watsho uYesu, "Izulu neHlabathi lakudlula, kodwa amazwi wam akasayi kuphela" (Marko 13:31). Emva kokujonga ubungqina umntu angatsho athi ngaphandle kokuthandabuza ukuba ewe, Ibhayibhile ngenene liLizwi likaThixo.

English



Buyela kwiphepha lesiXhosa

Ingaba ibhayibhile lilizwi likaThixo?
Facebook icon Twitter icon Pinterest icon Email icon
© Copyright Got Questions Ministries