settings icon
share icon
Umbuzo

Zintoni iimpawu ezibalulekileyo ngo Thixo? Unjani uThixo?

Impendulo


Indaba ezilungileyo, xa sizama ukuphendula lombuzo, kukuthi kungakuninzi okunokufumaneka ngoThixo! Abo baxilonga lengcaciso bangayifumana ibalulekile ukuba bayifundisisise; hamba ke uyekujonga kwizibhalo ukuze ufumane ingcaciso eyiyo. Ukufunda ujonge ezibhalweni kubalehele koa ulekile kubba ngaphandle kokulawulwa yibhayibhile, le ngqokelela yamagama ayinakuba ngcono kunoluvo lomntu; gokokwayo ke iyakuba ayilunganga ngokokuqonda kukaThixo (Yobhi 42:7). Ukuthi kubalulekile kuthi ukuzama ukuqonda ukuba uThixo unjani yintetha enzima leyo! Ukungenzi njalo kuya kubangela ukuba siphakame, sileqe apho, yaye sikhonze oothixo bobuxoki angahambiselani nabo uthixo (Eksodus 20:3-5).

Kuphela uThixo azikhethele kona kuyakuvezwa kwaziwe. Ezinye zeempawu zika Thixo okanye ubunjani "kukukhanya" into ethetha ukuthi uyaziveza kwiinkcukacha ngaye (Isaya 60:19, James 1:17). Inyaniso ke yeyokuba uThixo uye wazibonakalisa ngolwazi ngaye yaye alufanelanga ukuba lungahoywa oyakuthi angene ekuphumleni kwakhe (Amahebhere 4:1).

Ukudalwa, ibhayibhile kunye nelizwi elaba yinyama (Yesu Krestu) uyakusinceda ukuba uThixo unjani.

Masiqale ngokuthi siqonde ukuba uThixo ngumdali wethu yaye singumsebenzi wakhe (Genesis 1:1 Indumiso 24:1). UThixo wathi umntu umdale ngokomfanekiso wakhe. Umntu wadalwa wangaphezu kwazo zonke ezinye izidalwa waze wanikwa ubukhosi (Genesis 1:26-28). Indalo ingcoliswa ngokuthi "iwe" kodwa ngoko kunjalo ibonakalise ukukhsanya koimsebenzi wakhe (Genesis 3:17-18; AbaseRoma 1:19-20). Ngokuthi uqwalasele indalo ngobukhulu bayo, ukuntsokotha, ubuhle nangokundiliseka singakwazi ukubona ubuhle buka Thixo.

Ukufunda nzulu ngamagama athile ka Thixo kungasinceda koluphando lwethu lokuba uThixo unjani.

Zezi zilandelayo:
Elohim – eyomeleleyo, enobuThixo (Genesis 1:1)
Adonai – Nkosi, ichaza uMphathi kubudlelwane besicaka (Eksodus 4:10, 13)
El Elyon – Oyena Mkhulu, oyena womeleleyo (Genesis 14:20)
El Roi – oyena womelelyo enguThixo ozibonakalisayo nozibonayo izinto (Genesis 16:13)
El Shaddai – Somandla Thixo (Genesis 17:1)
El Olam – uThixo ongunaphakade (Isaya 40:28)
Yahweh – NKOSI "Ndinguye eNdinguye", ithetha uThixo ophila ngonaphakade (Eksodus 3:13, 14).

Sizakuqhubeleka ngokuphanda ngakumbi ngezinto ezibalulekileyo ngo Thixo; uThixo ophila ngonaphakade; ithetha ukuthi Akanasiqalo nasiphelo yaye ubukho bakhe abusayi kuze buphele. Akasayi kufa, (Dutoronomi 33:27; Iindumiso 90:2; 1 Timoti 1:17). UThixo akatshintshi, ithetha ukuthi nguThixo ongaguquguqukiyo; oku kuthetha ukuba uThixo uthembekile yaye akajiki (Malachi 3:6; IInyumeri 23:19; Iindumiso 102:26, 27). UThixo akafaniswa nanto, ithetha ukuthi akekho ofana naye ngemisebenzi akukho zenzo zinjengezakho; UThixo omfezeko egqibelelyo (2 Samuel 7:22; Iindumiso 86:8; Isaya 40:25; Mateyu 5:48), Mkhulu uYehova, ngowokudunyiswa kakhulu; Ubukhulu bakhe abunakugocwagocwa, ithetha ukuthi uThixo akatyhafi, akadinwa, akanakugocwagocwa ingqondo yakhe imile (Isaya 40:28; Iindumiso145:3; AmaRoma 11:33, 34).

UThixo ulilungisa, loo nto ithetha ukuthi akanamkhethe (Dutoronomi 32:4; Iindumiso18:30). UThixo unamandla, ithetha ukuthi unamandla onke; Angenza nantoni na emkholisayo, kodwa isenzo sakhe sisoloko sivumelana nesimo sakhe (Isithyilelo 19:6; Yeremiya 32:17, 27). UThixo ukho kwindawo yonke loo nto ithetha ukuthi usoloko ekho kwindawo yonke; loo nto ayithethi ukuthi uThixo uyinto yonke (Iindumiso 139:7-13; Yeremiya 23:23). UThixo wazi izinto zonke, loo nto ithetha ukuthi wazi ezadlulayo, ezangoku kunye nezexesha elizayo, wazi nesikucingayo nangawuphi na umzuzu; kuba esazi konke ubulungisa bakusoloko busabiwa ngokufanelekileyo (Iindumiso 139:1-5; Imizekeliso 5:21).

UThixo mnye, loo ayithethi ukuba akukho omnye, Kodwa nguye yedwa onakho ukunika iminqweno yentliziyo yakho, yaye nguye yedwa ofanelwe kukunqulwa nokuthandazwa (Dutoronomi 6:4). UThixo ulilungisa, loo ithetha ukuthi uThixo uyakohlwaya okungendawo izono zethu ziyaxolelwa ngenxa yobulungisa bakhe. UYesu wafumana isigwebo ngenxa yezono zethu (Eksodus 9:27; Mateyu 27:45-46; AmaRoma 3:21-26).

UThixo mkhulu, ithetha ukuba uphakeme; yonke yaditytaniswa, ngokwazi nangokungazi, ayinakuyichasa injongo yakhe (Iindumiso 93:1; 95:3; Yeremiya 23:20). UThixo ngumoya, ithetha ukuthi akabonakali (Johane 1:18; 4:24). UThixo ngumtriniti, ithetha ukuthi uziqu zithathu emnye, ilingana ngamandla nangozuko. Qaphela ukuba kwisibhalo ekubizwe "igama" sibesinye nangona ibhekisa kwiziqu ezithathu – "uYise, uNyana noMoya oyiNgcwele" (Mateyu 28:19; Marko 1:9-11) UThixo yinyaniso, ithetha ukuthi uvumelana nakuthethayo ngoko akuko, uyakuhlala elungile yaye akanakuxoka (IiNdumiso 117:2:1; 1Samuweli 15:29) ulingana ngezinto zonke, ulingana ngamandla nozuko.

UThixo ungcwele, ithetha ukuthi wohluliwe kuzo zonke izinto ezingcolileyo yaye akanabudlelwano nazo. UThixo ukubona konke okungendawo yaye akumkholisi; umlilo usoloko kuthethwa ngawo kwizibhalo ezingcwele ngobungcwele. UThixo kusoloko kuthethwa ngaye njengomlilo odlayo (Isaya 6:3; 1:13; Eksodus 3:2,4,5; Amahebhere12:29). UThixo onenceba – oko kuyakuquka ubabalo lwakhe, ububele, inceba kunye nothando – lawo ingamazwi anika intsingiselo kwinceba yakhe. Ukuba bekungebobuninzi benceba yakhe u Thixo bekuyakubonakala ukuba uyasazi thina (Eksodus 34:6; Iindumiso31:19; 1 Petros 1:3; Johane 3:16; Johane 17:3).

Oku ke bekuyindlela engaqinisekanga yokuphendula lombuzo olingene uThixo. Niyakundifuna nindifumane xa nithe nandifuna ngentliziyo zenu (UYeremiya 29:13).

English



Buyela kwiphepha lesiXhosa

Zintoni iimpawu ezibalulekileyo ngo Thixo? Unjani uThixo?
Facebook icon Twitter icon Pinterest icon Email icon
© Copyright Got Questions Ministries