settings icon
share icon
Umbuzo

Yintoni indlela yoSindiso lwamaRoma?

Impendulo


Indlela yoSindiso lwamaRoma yindlela yokucacisa iindaba ezilungileyo zosindiso usebenzisa iivesi ezisuka kwiincwadi zamaRoma. Yindlela elula kodwa enamandla yokucacisa ukuba kutheni sifuna ukusindiswa, ingaba uThixo usinike njani usindiso, singalufumana njani yaye siyintoni isiphumo sosindiso.

Ivesi yokuqala kwindlela yamaRoma yoSindiso ngabase Roma 3:23, "Kuba akukho kwahluka; kuba bonile bonke, basilelela eluzukweni lukaThixo." Sonke singaboni. Sizenzile izinto ezimbi ezingavumelekanga kuThixo. Akakho namnye ohlambulukileyo. KwabaseRoma 3:10-18 banika inkcazo yomfanekiso opheleleyo wokuba sibonakala njani isono ebomini bethu.

Isifundo sesibini kwindlela yamaRoma yoSindiso, KwabaseRoma 6:23, isifundisa ngeziphumo zesono - "Umvuzo wesono kukufa; kodwa isipho sikaThixo bubomi obungunaphakade ngo Yesu krestu iNkosi yethu." Isohlwayo esisifumenyo ngenxa yezono zethu kukufa. Akuthethwa ngokufa kwenyama, koko kukufa kwanaphakade!

Ivesi yesithathu kwindlela yoSindiso yamaRoma ithatha apho abaseRoma 6:23 UYesu apho ashiye khona, "kuba isipho sika Thixo sobomi obungunaphakade ngo Yesu Kristu iNkosi yethu." AbaseRoma 5:8 bayachaza , "Ke yena uThixo uqondakalisa okwakhe ukusithanda ngokuthi, sakubon’ukuba sisengaboni, uKristu wasifela," UYesu Kristu wasifela! Ukufa kukaYesu kwahlawula ityala lezono zethu. Uvuko lukaYesu kubonakalisa ukuba uThixo wavuma ukuba uYesu afe njengentlawulo yezono zethu.

Owesine uma kwindlela yoSindiso lwamaRoma kwabaseRomana 10:9, "xa uthe wamvuma ngomlomo wakho ukuba uyiNkosi uYesu, wakholwa ngentliziziyo ukuba wamvusa kwabafileyo, wosindiswa." Kungenxa yokuba wasifela, omasikwenze kukukholelwa kuye, sithembe ukufa kwakhe njengentlawulo yezono zethu - sakusindiswa! AbaseRoma 10:13 itsho kwakhona, "othe wabiza ngegama leNkosi wosindiswa." UYesu wafa ehlawulela amatyala ethu esikhupha kubomi bokufa banaphakade. Usindiso, uxolelo lwezono, luyafumaneka kwabo bathembela kuYesu Kristu njengeNkosi noMsindisi wabo.

Imbonakalo yokugqibela kwindlela yoSindiso lwamaRoma ziziphumo zosindiso. AmaRoma 5:1 analomyalezo omhle, "Ngoko ke, njengoko sigwetyelwe nje ngokwaselukholweni, sinoxolo kuThixo ngayo iNkosi yethu uYesu Kristu." NgoYesu Kristu singanabo ubudlelwane boxolo noThixo. AmaRoma 8:1 ayasifundisa, "Ngoko ke, ngoku akukho kugwetywa kwabaku Kristu uYesu." Kungenxa yokuba uYesu wasifela, asinakuze sigwetyelwe izono zethu. Okokugqibela, sinesisithembiso sikaThixo sihle sivela kwabaseRoma 8:38-39, "Kuba ndeyisekile kukuba nakufa, nabomi, nazizithunywa zezulu nazilawuli, naziphathamandla, nanto zikhoyo, nanto zizayo, nabuphakamo, nabunzulu, nasinye isidalwa esisimbi, asiyikubanako ukusahlula thina eluthandweni lukaThixo, olukuye uKristu Yesu, iNkosi yethu."

Ungathanda ukulandela indlela yoSindiso lwamaRoma? Ukuba kunjalo, nanku umthandazo ongawuthandaza kuThixo. Ukuthandaza lomthandazo yindlela yokuchaza kuThixo ukuba uthembele kuYesu Kristu ngosindiso. Amazwi ewodwa akanakukusindisa. Lukholo kuYesu Kristu kuphela elinokunika usindiso! "Thixo, Ndiyazi ukuba ndonile phambi kwakho yaye ndifanelwe kukohlwaywa. Kodwa uYesu Kristu wasithatha isohlwayo esindifaneleyo ukuze ngokukholelwa kuye ndixolelwe. Ngoncedo lwakho, ndibeka ithemba lam kuSindiso lwakho. Ndiyabulela ngenceba nangoxolelo lwakho – isipho sobomi obungunaphakade! Amen!"

Sele usenzile isigqibo ngoKristu ngenxa yoku okufunde apha? Ukuba kunjalo, nceda ucofe kwiqhosha elingezantsi elithi “Ndiyamamkela uKristu namhlanje”.

English



Buyela kwiphepha lesiXhosa

Yintoni indlela yoSindiso lwamaRoma?
Facebook icon Twitter icon Pinterest icon Email icon
© Copyright Got Questions Ministries