settings icon
share icon
Umbuzo

Ndingaqiniseka njani ukuba ndakufa ndakuya ezulwini?

Impendulo


Ingaba uyazi na ukuba unobomi obungunaphakade yaye uyakuya ezulwini wakufa? UThixo ufuna ukuba uqiniseke! Ibhayibhile ithi "Ndinibhalele ezizinto nina nikholwayo kwigama loNyaka kaThixo ukuze nazi ukuba ninobomi ubungunaphakade" (1 Yohane 5:13). Cinga ngokuba umi phambi koThixo ngoku kwaye uyakubuza ukuba "Kutheni efanele akuvumele ungene eZulwini?" Ubuya kuthini? Usenokungazi ukuba mawuthini. Into ekufuneka niyazi kukuba uThixo uyasithanda yaye usinike indlela yokuba sazi qinisekileyo apho siyakuba khona naphakade. Ibhayibhile ithi: "Wenjenje uThixo ukulithanda kwakhe ihlabathi ude wancama uNyana wakhe okuphela kwamzeleyo ukuze bonke abakholwayo kuye bangatshabalali, koko babe nobomi obungunaphakade" (Johane 3:16).

Kufuneka siqonde kuqala ingxaki esithintelayo ekuyeni eZulwini. Ingxaki yile — inyama yethu iyasithintela ekubeni sibe nobudlelwane noThixo. Singaboni ngendalo nangokuzikhethela. "Kuba bonile bonke basilela eluzukweni lukaThixo" (KwabaseRoma 3:23). Asikwazi ukuzisindisa ngokwethu. "Kuba nisindiswe ngokubabalwa nangalo ukholo, nako oko kungaphumi kuni — kusisipho sika Thixo, akuphumi misebenzini, hleze kubekho bani uqhayisayo" (KwabaseEfese 2:8-9). Kusifanele ukufa nesihogo. "Kuba umvuzo wesono kukufa" (Kwabase Roma 6:23).

UThixo ungcwele yaye ulungile yaye ufanele ukusohlwaya isono, noxa kunjalo uyasithanda wasinika uxolelo lwesono. UYesu wathi: "Ndim indlela, ndim inyaniso, ndim ubomi, Akukho namnye uzayo kuBawo engezi ngam" (Johane 14:6). UYesu wasifela emnqamlezweni: "Ngokuba noKrestu wabuva kwakanye ubunzima ngenxa yezono, ilingisa lisiva ubunzima ngenxa yabangemalungisa ukuze asisondeze kuye uThixo" (1 Petros 3:18). UYesu wavuswa kwelabafileyo: "Wanikelwa ngenxa yezono zethu, waza wabuya wavuswa ngenxa yokugwetyelwa kwethu" (KwabaseRoma 4:25).

Ukubuya umva kumbuzo wokuqala — "Ndingaqiniseka njani ukuba xa ndifile ndakuya ezulwini?" Impendulo yile –kholwa kuyo iNkosi uYesu Kristu, wosindiswa (Izenzo 16:31). "Ke bonke abamamkelayo wabanika igunya lokuba babe ngabantwana baka Thixo, bona ke bakholwayo kwigama lakhe" (Yohane 1:12). Ungasifumana isipho sobomi obunguanphakde SIMAHLA. "Ke sona isipho sika Thixo bubomi obungunaphakade, kuKristu uYesu iNkosi yethu" (KwabaseRoma 6:23). Ungaphila ubomi obuzeleyo nobunentsingiselo ngoku. UYesu wathi: "Mna ndizele ukuze babenobomi, babenabo ke ngokugqithisileyo" (Yohane 10:10). Ungaphila ngonaphakde ezulwini noYesu, njengokoko ethembisile: "Ukuba ke ndimkile ndaya kunilungiselela indawo, ndiyakubuya, ndize ndinamkelele kum ngokwam, ukuze apho ndikhona mna nibekhona nani" (Yohane 14:3).

Ukuba ufuna ukwamkela uYesu Kristu njengomsindisi ufumane ukuxolelwa nguThixo, nanku umthandazo ongawuthandaza. Ukuthandaza lomthandazo okanye wumbi akuzukusindisa, kuphela kukukholosa ngoYesu Kristu okunokunika uxolelo lwezono. Lomthandazo yindlela elula yokubonisa kuThixo ukholo lwakho nombulelo ngokuxolela. "Thixo, ndiyazi ukuba ndikonile ndifanelwe kukohlwaywa. Kodwa uYesu Kristu weva ubunzima endaweni yam ukuze ndikholwe kuye ndixolelwe. Ndibeka ithemba lam kuwe ndisindiswe. Ndiyabulela ngenceba yakho emangaliso kunye noxolelo. Amen!"

Sele usenzile isigqibo ngoKristu ngenxa yoku okufunde apha? Ukuba kunjalo, nceda ucofe kwiqhosha elingezantsi elithi “Ndiyamamkela uKristu namhlanje”.

English



Buyela kwiphepha lesiXhosa

Ndingaqiniseka njani ukuba ndakufa ndakuya ezulwini?
Facebook icon Twitter icon Pinterest icon Email icon
© Copyright Got Questions Ministries