settings icon
share icon
Umbuzo

Kuthetha ukuthini ukwamkela uYesu njengomsindisi wakho buqu?

Impendulo


Ingaba sele umamkele uYesu Kristu njengomsindisi wakho buqu? Ukuwuqondisisa kakuhle lombuzo, kufuneka kuqala wazi izihloko “Yesu Kristu”, “ubuqu”, “noMsindisi”.

Ngubani uYesu Kristu? Abantu abaninzi bakumazi uYesu Kristu njengendoda elungileyo. Umfundisi omkhulu okanye umprofethi kaThixo. Ezizinto ziyinyaniso ngoYesu, kodwa azimchazi ngokwenyani ukuba ungubani na. Ibhayibhile isichazela ukuba uYesu unguThixo ngokwenyama, uThixo ngokobuntu (jonga uYohane 1:1-14). UThixo weza emhlabeni ezokusifundisa, ezokusiphilisa, ezokusilungisa, ezokusixolela, ---- ezokusifela! UYesu Kristu nguThixo, nguMdali,yiNkosi ezizinto zonke. Sele umamkele lo Yesu?

Yintoni uMsindisi, kutheni sifuna uMsindisi? Ibhayibhile isixelela ukuba sonile sonke; sizenzile izinto ezimbi (KwabaseRoma 3: 10-18). Ngenxa yezono zethu, siyifanele ingqumbo nomgwebo ka Thixo. Esona sohlwayo sisiso sokwenza isono koyena Thixo ungunaphakade sisohlwayo esingunaphakade (kwabaseRoma 6:23, Izithyilelo 20:11-15). Kungoko sifuna uMsindisi!

Uyesu Kristu weza emhlabeni waza wasifela . Ukufa kukaYesu yabangumvuzo wanaphakade wezono zethu (2 kwabaseKorinte 5:21). UYesu wafela ukuhlawula isohlwayo sezono zethu (kwabaseRoma 5:8). UYesu wahlawula ixabiso ukwenzela singahlawuli. Uvuko lukaYesu ekufeni luchaza ukuba ukufa kwakhe kwakonele ukuhlawula isohlwayo sezono zethu. Kungoko uYesu enguye kuphela uMsindisi (uYohane 14:6; iZenzo 4:12)! Uyathembela kuYesu njengoMsindisi wakho?

Ingaba uYesu ungumsindisi wakho buqu? Abantu abaninzi babona ubuKristu ikukuhamba icawe, ukwenza amasiko, nokungazenzi izono ezithile. AyibobuKristu obo. UbuKristu bokwenyani kukubanobudlelwane buqu noYesu Kristu. Ukwamkela uYesu njengomsindisi wakho buqu ichaza ukubeka ukholo lwakho kwaye uthembele kuye. Akukho namnye usindiswa ngokholo lwabanye. Akukho namnye oxolelwa ngokwenza izinto ezithile. Indlela eyiyo yokusindiswa kukwamkela uYesu buqu njengomsindisi wakho, uthembe ukufa kwakhe njengesohlwayo sezono zakho novuko lwakhe njengesiqinisekiso sobomi obungunaphakade (uYohane 3:16). Ingaba uYesu unguMsindisi wakho buqu?

Ukuba ufuna ukwamkela uYesu Kristu njengomsindisi wakho buqu, yitsho la mazwi ku Thixo. Khumbula ukwenza lomthandazo nayiphi eminye imithandazo ayikusindisa. Kukukholelwa kuYesu Kristu nomsebenzi wakhe owagqitywa emnqamlezweni kusenzelwa wena onokusindisa esonweni. Lo mthandazo yindlela elula yokuchazela uThixo ngokholo onalo kuye nangokumbulela ngokunika usindiso lwakho. Thixo, ndiyazi ndonile kuwe ndifanelwe sisohlwayo kodwa ndikholelwa ukuba uYesu Kristu usithathile isohlwayo ebesindifanele ukwenzela ukuba ngokholo kuye ndixolelwe. Ndifumana umnikelo wakho woxolelo ndibeka ithemba lam losindiso kuwe. Ndiyamamkela uYesu njengomsindisi wam buqu! Enkosi ngenceba yakho engumangaliso noxolelo – nesipho sobomi obungunaphakade! Amen!"

Sele usenzile isigqibo ngoKristu ngenxa yoku okufunde apha? Ukuba kunjalo, nceda ucofe kwiqhosha elingezantsi elithi “Ndiyamamkela uKristu namhlanje”.

English



Buyela kwiphepha lesiXhosa

Kuthetha ukuthini ukwamkela uYesu njengomsindisi wakho buqu?
Facebook icon Twitter icon Pinterest icon Email icon
© Copyright Got Questions Ministries